Ukungeniswa kwezimvo kuphelelwa: ngowe-30 Novemba 2008
UMTHETHO KAMASIPALA WEZIGANEKO OYILWAYO
Ukulungiselela ulawulo lweziganeko kummandla wolawulo lweSixeko saseKapa; ukulungiselela ukunyanzeliswa kwalo Mthetho kaMasipala; nokulungiselela imiba eya kuthi ivele kuzo.
INTSHAYELELO
NANGONA iSixeko saseKapa sikuqonda ukuba ukubanjwa kweziganeko yinxalenye ebalulekileyo yendlela yokubonakalisa isakhono sokukhuphisana kwiSixeko saseKapa yaye sivuma ukuba imisitho inendima ebalulekileyo kwizixeko zala maxesha ukukhuthaza ubambiswano ngokuhlala nangenkcubeko kuluntu, ukuxhasa uvuselelo lobomi basedolophini nohlumo loqoqosho;
NANGONA iSixeko saseKapa sijonge ukulawula ukubanjwa kweziganeko ngendlela eqinisekisa ulawulo olululo lwazo;
NANGONA iSixeko saseKapa sinqwenela ukuxhasa uququzelelo nentsebenziswano phakathi kwabo bonke abathatha inxaxheba, ukunyusa ubuhlakani nokukhuthaza ifuthe lemisitho kwiSixeko;
NGOKO KE, KUMISELWA lo mthetho siSixeko saseKapa, ngolu hlobo lulandelayo:-
Uluhlu lweZiqulatho
Isahluko 1
Iinkcazelo noSetyenziso
Iinkcazelo kulo Mthetho kamasipala, ngaphandle kokuba umxholo ubonakalisa ngokwahlukileyo -
Umlawuli weSixeko" uthetha umntu obekwe njengoMlawuli weSixeko ngokwecandelo loMthetho wooRhulumente beMimandla: UMthetho weZiseko zooMasipala, 1998 (uMthetho Nomb. 117 we- 1998);
Ikhansile" ithetha ikhansile yeSixeko saseKapa okanye nasiphi na isiseko sezopolitiko, ekwisikhundla se-ofisi yezopolitiko, uceba okanye nawuphi na umsebenzi osebenza phantsi kwamagunya anikezelwe yikhansile okanye anikezelwe ngulowo uwanikezelwe yikhansile;
isiganeko/umsitho" sithetha -
a nawuphi na umsitho wemidlalo, ukuphumla okanye ukuzonwabisa kuquka imidlalo yeqonga;
b nawuphi na umsitho wezemfundo, inkcubeko okanye inkolo;
c, nawuphi na umsitho woshishino kuquka ukuthengisa, unxibelelwano noluntu nokwazisa, okanye umboniso; okanye
Nawuphi umsitho wesisa, kuquka nayiphi na inkomfa, umbutho okanye umsitho wasekuhlaleni,
Okanye nayiphi na intshukumo esingethwe kwibala lemidlalo, indawo okanye ecaleni kwendlela okanye kufuphi nayo, ecwangcisiweyo, enenkqubo ecacileyo, ulawulo nenkathalo, kodwa kungaquki umsitho wabucala osingethwe ngumntu othile oyedwa kwibala lemidlalo okanye indawo;
umququzeleli womsitho" uthetha umntu ofaka isicelo sokubamba umsitho ngokwemiqathango yalo Mthetho kamasipala nokuba uyazifakela na eso sicelo okanye usifakela omnye umntu, iqumrhu okanye umbutho;
indawo" ithetha nayiphi na indawo ebiyelwe ngokupheleleyo okanye ngokuyinxalenye nesisiseko sesigxina okanye esethutyana -
Ekunokwakhiwa kuyo isiseko sethutyana okanye esisisigxina, apho kunokubanjwa khona umsitho; nethi
Phantsi kwalo naluphi uhlenga-hlengiso ngokweendidi, ingcaciso nenkcazo ngokomsitho ibe nendawo -
Ibala lemidlalo okanye iqonga elisisigxina okanye elethutyana okanye nayiphi indawo apho, ebekelwe bucala ukulungiselela ukusingatha umsitho;
umnini ndawo" uthetha nawuphi na umntu okanye iqumrhu lomthetho elithi ngoku okanye kwixesha elizayo, ngokungqalileyo okanye ngenye indlela, liqeshe libe nebango okanye lisebenzise amagunya alo njengomnini okanye lowo uhleli kwindawo esetyenziselwa imisitho;
indawo kawonkewonke" ithetha -
nawuphi na umhlaba kawonkewonke, ibala, ichityana lokuqubha, indawo yokuphumla kawonkewonke, isiza sokuzonwabisa sikawonkewonke, umyezo wezityalo nezilwanyana, okanye nawuphi na omnye umyezo, ipaki okanye umzila wokunyuka intaba, kuquka nayiphi na inxalenye yawo nasiphi na isiseko okanye isixhobo esikuyo, nayiphi na indawo kawonkewonke ethe gabalala, indlela kawonkewonke, indlela yabucala, isitalato sabucala, ichibi, idama, okanye umlambo;
nasiphi na isakhiwo sikawonkewonke, isiseko, iholo, igumbi okanye i-ofisi kuquka nayiphi na inxalenye yayo naso nasiphi na isiseko okanye isixhobo esikuso, esiyimpahla, okanye esimniniso, esilawulwa okanye esiqeshwe siSixeko nekuvumeleke kuso uluntu jikelele, nokuba luyahlawuliswa okanye lungena simahla;
nayiphi na indawo yolondolozo lwendalo kuquka -
iindawo zolondolozo lwendalo;
iii iindawo ezinexabiso kulondolozo lwendalo;
iindawo zendalo ezithe gabalala;
umnini-zabelo" uquka nawuphi na umntu, umbutho okanye iqumrhu elichaphazeleka okanye elinendima eliyidlalayo kulawulo okanye ekusingathweni komsitho okanye isiganeko;
lo Mthetho kaMasipala" uquka iShedyuli ehamba nawo.
Ukusetyenziswa kwalo Mthetho kamasipala
 Lo Mthetho kamasipala usebenza nakuwuphi na umsitho obanjelwe kummandla wolawulo weSixeko, kuquka imisitho ebanjelwe kokubini kwimihlaba yabucala nakwiindawo zikawonkewonke, ukuba umsitho obanjelwe kumhlaba wabucala, ngokwawo nawuphi na umthetho osebenzayo, unefuthe kwizibonelelo zeSixeko noluntu oluwungqongileyo.
lo Mthetho kamasipala awusebenzi kwimisitho yabantu abangaphantsi kwama- 50 apho kungekho mculo okanye sandi siphezulu okanye kungasetyenziswa ziseko zathutyana.
ngokungaphandle kwecandelwana 2, iSixeko singathatha isigqibo sokuba ngaba ifuthe okanye umngcipheko waloo msitho ungafuna ukuba kufakwe isicelo na ngokwecandelo 3.
Xa kuthe kwabakho ukungquzulana phakathi kwalo Mthetho kaMasipala nawo nawuphi na omnye umthetho kamasipala okanye umgaqo-nkqubo weSixeko, loMthetho kaMasipala uya kusetyenziswa kulawulo lokubanjwa kweziganeko.
Isahluko 2
Ukufakwa kwezicelo
 Kufuneka kufakwe isicelo esisesikweni sokusingatha umsitho ngumququzeleli wawo -
a ngumntu ominyaka yobudala ili-18 ubuncinane nangaphezulu;
b kwifomu efanelekileyo;
c kwixesha elibekiweyo; yaye d ibe ngumntu okanye asifakele umntu onesakhono nezibonelelo ezifanelekileyo, njengoko kuchazwe kwiSihlomelo 1, kwi-ofisi yeemvume zemisitho.
isicelo kufuneka siquke zonke iinkcukacha ezifunekayo njengoko ziboniswe kwifomu efanelekileyo nazo naziphi na ezinye iinkcukacha ezithe vetshe njengoko zinokufunwa siSixeko saseKapa.
xa zithe azafakwa iinkcukacha ezichazwe kwicandelwana 2 isicelo asiyi kuqwalaselwa ngokwalo Mthetho kamasipala noMgaqo-nkqubo weZiganeko.
Iimfuno nemiqathango
 Isicelo somsitho kufuneka sithobele imiqathango yalo Mthetho kamasipala, sibe neenkcukacha ezichazwe kwifomu yezicelo efanelekileyo njengoko kuchazwe kwiSihlomelo 2 yaye kufuneka siquke iinkcukacha ezinokuthi zifunwe siSixeko saseKapa.
Igosa leeMvume zeMisitho kufuneka, ngokoMgaqo-nkqubo weziganeko, kuxhomekeke ukuba luhlobo luni na lomsitho olo, liqinisekise ukuba kukho unxibelelwano nabanini-zabelo abachaphazelekayo.
Ikhansile kufuneka, njengenxalenye yohlahlo-mali lwayo ngokooMthetho wooRhulumente beMimandla: Umthetho woLawulo lweZimali zooMasipala, 2003 uMthetho Nomb. 56 wama- 2003, ibeke imirhumo ehlawulelwa imisitho.
Ikhansile ingafuna intlawulo yaphambi kwexesha kuMququzeleli womsitho phambi kokuba samkelwe isicelo somsitho lowo.
 Igosa leeMvume zeMisitho kufuneka, ngokoMgaqo-nkqubo weziganeko lamkele okanye likhabe isicelo somsitho ngexesha elifanelekileyo ngokwalo Mthetho kamasipala.
kwakube kuthathwe isigqibo ngokwecandelwana 1, kufuneka kuchazelwe umququzeleli womsitho ngaso ngokukhawuleza kangangoko.
xa sithe sakhatywa isicelo somsitho, kufuneka kunikwe izizathu ezibhaliweyo zoko kumenzi-sicelo.
Okuqwalaselwayo
 Igosa leeMvume zeMisitho kufuneka liqinisekise ukuba izicelo zokusingatha imisitho ziqwalaselwa ngokwezi mfuno zilandelayo:
b ifuthe lomsitho ngokwendlela yolinganiso yoMgaqo-nkqubo weKhansile weziganeko;
c ifuthe lomsitho ngokweenjongo zamajelo eendaba, zezoqoqosho, ukuhlala, izithuthi, amalungiselelo nokusingqongileyo;
d ulawulo lokhuseleko nomngcipheko womsitho ngokwamalungiselelo, ubume besiza neminye imingcipheko kumsitho; ne e mbuyekezo kutyalo-mali kuloo msitho.
Okuqwalaselwayo okuchazwe kwicandelwana 1 kufuneka kujongwe -
ngokwenkqubo yezigqibo zokufakwa kwezicelo zemisitho;
ukuhlenga-hlengiswa kweziganeko;
uhlobo nenqanaba lenkxaso ekubonelelwa ngayo siSixeko kwimisitho; kunye noluhlu lweenkonzo ekuza kubonelelwa ngazo kwimisitho siSixeko.
Izivumelwano nobuhlakani
 Isixeko sienokungena kwizivumelwano nobuhlakani nabaququzeleli bemisitho njengoko kunokubakho imfuneko ekusingathweni nasekulawulweni komsitho ngokwalo Mthetho kamasipala.
Isixeko sisenokubonelela ngenkxaso ngamalungiselelo, izimali okanye kokubini kwimisitho ethile ehambelana nezicwangciso zeSixeko.
izivumelwano nobuhlakani obuchazwe kwicandelwana 1 no 2 kufuneka zibonelele ngamanqanaba eenkonzo ekufuneka kufikelelwe kuwo ngamaqela ukuqinisekisa ukuba ziyathotyelwa.
Noxa kukho imiqathango yalo Mthetho kamasipala malunga nezikreqo nemidliwo, isivumelwano ekungenwe kuso ngokweli candelo sisenokubeka imidliwo eya kuba luxanduva lomququzeleli womsitho xa kuthe kwabakho ukungathotyelwa kwaso.
Ilungelo lokubhena
 Amaqela abandakanyeka kwimbambano ebangwe lungquzulwano kulo Mthetho kamasipala kufuneka azame ukusombulula loo mbambano phambi kokuba asebenzise ilungelo lokubhena elichazwe kwicandelwana .
umququzeleli womsitho angabhena kwisigqibo apho isicelo sakhe sokusingatha umsitho siye sakhatywa.
kungafakwa isibheno esibhaliweyo kuMlawuli weSixeko kwisithuba sexesha elichazwe kwiSihlomelo malunga nohlobo lomsitho lowo uchaphazelekayo.
Umlawuli weSixeko angagunyazisa naliphi na igosa leSixeko ukuba liqwalasele yaye lithathe isigqibo ngezibheno ezichazwe kwicandelwana 2.
Isibheno esifakwe ngokwesi candelo kufuneka siqwalaselwe kuthathwe isigqibo ngaso ngokwexesha elibekwe kwiSihlomelo malunga nohlobo lomsitho lowo uchaphazelekayo.
 ukungathobeli nawuphi na umqathango walo Mthetho kamasipala lulwaphulo-mthetho.
umntu owaphula umthetho ngokwalo Mthetho kaMasipala uya kudliwa akufunyaniswa enetyala okanye abe seluvalelweni okanye kokubini umdliwo nokuvalelwa.
Isihloko esifutshane
Lo Mthetho kamasipala ubizwa ngokuba nguMthetho kaMasipala: weSixeko saseKapa.
Isihlomelo 1
ISHEDYULI YAMAXESHA EZICELO ZEZIGANEKO/ZEMISITHO
Kuxhomekeke kubungakanani, uhlobo, lindawo, umhla/ixesha, ubude, ubukhulu beendawo zeziganeko, ifuthe okanye umngcipheko wesiganeko nokufunyaniswe kulwazi lothelekelelelo oluthi lufuneke, la maxesha alandelayo angezantsi aya kusetyenziswa:
UBUNGAKANANI
UBUNGAKANANI BESIHLWELE/INANI LABANTU
UBUNCINANE BEXESHA PHAMBI KOKWAZISA okanye UKUPAPASHA UMSITHO UKUFAKA ISICELO KWISIXEKO 2
Kufakwe isibheno ngumenzi sicelo kwiSixeko kwisithuba
Kuthathwe isigqibo ngesibheno siSixeko
Kwisithuba
Esincinci
yeentsuku zomsebenzi (2 iiveki) 3
yeeyure kufunyenwe isaziso esibhaliweyo yeeyure kufunyenwe isaziso esibhaliweyo sesibheno
Esiphakathi
yeeyure kufunyenwe isaziso esibhaliweyo yeeyure kufunyenwe isaziso esibhaliweyo
Esikhulu
yeeyure kufunyenwe isaziso esibhaliweyo yeentsuku zomsebenzi
Esikhulu kakhulu
001 - nangaphezulu iinyanga 6 iinyanga yeeyure kufunyenwe isaziso esibhaliweyo yeentsuku zomsebenzi
Qaphela ukuba kuwo nawuphi na umsitho onabantu abangaphantsi kwama- 50, imiqathango yeCandelo 2 nelesi- iyasebenza.
Qaphela ukuba oku akuquki nayiphi na imiyalelo eyodwa okanye ethile yezicelo enokunikwa siSixeko kumaxesha ngamaxesha, enokwahluka ngokohlobo lomsitho, umngcipheko, ubungakanani, ixesha lonyaka, ubude, indawo (umzekelo ngamaxesha eeholide okanye ngokohlobo lomsitho okanye indawo ethile) okanye ifuthe kwezothutho okanye nayiphi na intshukumo yeSixeko
Qaphela ukuba umsitho omncinci obandakanya abathengisi bokutya, kuya kufuneka ubuncinane iintsuku ezili-15 ukuba abathengisi bokutya kufuneka befake izicelo zeelayisenisi okanye iziqinisekiso zoLwamkelo.
Kufuneka kugqitywe inkqubo echazwe kwiCandelo 8 phambi kokuba kufakwe nasiphi na isibheno ngumenzi-sicelo.
Inkqubo yesibheno ayisebenzi kwiiLayisenisi zotywala zona zilawulwa ziiNkonzo zaMapolisa oMzantsi Afrika (SAPS).
Nawuphi na umsitho ochaphazela ukufakwa kwesicelo soTyeshelo-migaqo kuSetyenziso loMhlaba nalapho kunganikwanga imvume yokutyeshela umthetho kufuneka ulandele inkqubo yokubhena njengoko ichazwe kuMmiselo woCwangciso lokuSetyenziswa koMhlaba (uMthetho 15 ka- 1985)
ISIHLOMELO 2
ULUDWE LWEEMFUNO ZEZIGANEKO
Qaphela: Isixeko sisenokufuna ulwazi oluthe xhaxhe ngokohlobo neenkcukacha zesiganeko a. Inkcazo yoMsitho kuquka uhlobo, umhla, indawo, indawo nabathathi -nxaxheba.
b. Inkqubo yoMsitho: iinkcukacha ezizeleyo namaxesha, kunye neenkcukacha zonxibelelwano zomntu ojongene nomba ngamnye womsitho.
d. Isicelo nokwamkelwa koTyeshelo-migaqo kuSetyenziso-Mhlaba, xa kukho imfuneko.
e. Isicwangciso solawulo lweZithuthi (TMP), esinokuquka ukuvalwa okucetywayo kweendlela, isicwangciso sendlela, indawo yokumisa, ukusetyenziswa ngokupheleleyo kothutho lukawonkewonke, iindlela zokuphuma ngokungxama. Ubume be-TMP buya kuba njengoko buchazwe siSixeko.
f. Isicwangciso soLawulo lweZihlwele.
g. Izicwangciso zeNtlekele namalungiselelo: kuquka ezonyango, ukhuselo, intlekele, iindawo, ukuphuma.
h. Isicwangciso soNxibelelwano soMsitho: kuquka indlela yokuthengiswa kwamatikiti, ulwamkelo isicwangciso seNtatho-nxaxheba yoLuntu: kuquka, kodwa kungaphelelanga kuqhagamshelwano nooCeba; Uluntu/ Imibutho yaBahlali neyoShishino.
j. Isicwangciso soLawulo loKusingqongileyo.
k. Isicwangciso esiHlangeneyo soLawulo loKungcola.
l. Abathengisi / Abokutya: uludwe lweenkcukacha nokusetyenziswa kwerhasi Iimfuno zeSixeko saseKapa zoMthetho kaMasipala waBathengisi baseziTalatweni noweMpilo yeSixeko nezinye iimfuno zeminye imithetho efanayo.
m. Iimfuno zezempilo kuquka: Iziqinisekiso zoLwamkeleko, iilayisenisi zokuthengisa, izindlu zangasese kunye/okanye izindlu zangasese eziqeshwayo.
n iifomu ezizalisiweyo zezicelo: zokuNgxola (kuquka intatho-nxheba yoluntu); nokumiswa kwamaqonga/Iintente. Ubungqina bokufakwa kweeLayisenisi zoTywala, Iilayisenisi zemililo; Izicelo zoPhapho ngokweenkcukacha zohlobo lomsitho.
o. Iimfuno zeeNkonzo zeSixeko saseKapa: kuquka Umbane, Amanzi, Isicwangciso soLawulo loKungcola (ngethuba lomsitho nasemva kwawo), uthutho, iindlela nemibhobho yamanzi.
p. Iifomu zokuthwala uxanduva lomonakalo nencwadi yobungqina boXanduva loMonakalo.
q. Imvume ebhaliweyo evela kuMnini ndawo/Umlawuli wendawo eya kumenzi- sicelo negunyazisa ukusetyenziswa kwendawo ukusingatha umsitho lowo.
